28. Yawushiya ngoko umphanda wayo intokazi, yemka yaya ekhaya; ithi ebantwini,
29. Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu* yini na?
30. Baphuma ke ekhaya, baye besiza kuye.
31. Ke kaloku, kweso sithuba abafundi babemthandaza, besithi, Rabhi,* yidla.
32. Uthe ke yena kubo, Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina.
33. Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla?