20. Kuba bonke abenza okubi, bayaluthiya ukhanyiso, bangezi elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yabo ingòhlwaywa.
21. Ke lowo uyenzayo inyaniso uyeza elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yakhe ibonakalaliswe; ngokuba isetyenzelwe kuThixo.
22. Emveni kwezi zinto, weza uYesu nabafundi bakhe emhlabeni wakwaYuda; wakha walibala khona apho nabo; wabhaptiza.
23. Waye ke noYohane ebhaptiza e-Enon, kufuphi neSalem, ngokuba amanzi abemaninzi khona apho; babesiza ke babhaptizwe.
24. Kuba ebengekaphoswa entolongweni uYohane.
25. Kwabakho ke imbuzwano kubafundi bakaYohane namaYuda ngokuhlanjululwa.
26. Beza kuYohane, bathi kuye, Rabhi,* lowa wayenawe phesheya kweYordan, umngqinela, yabona, yena uyabhaptiza; beza kuye ke bonke.
27. Waphendula uYohane wathi, Akanakwamkela nto umntu, engayinikwanga ivela emazulwini.
28. Nani ngokwenu niyandingqinela ukuba ndathi, Andinguye uKristu* mna; ndathi, Ndithunyiwe phambi kwakhe.