1. Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, kuza engcwabeni uMariya waseMagadala kusasa, kusentsundu, alibone ilitye lisusiwe engcwabeni.
2. Agidime ngoko, eze kuSimon Petros nakomnye umfundi, lowo ubethandwa nguYesu, athi kubo, Bayisusile iNkosi engcwabeni; asazi nalapho bayibeke khona.
3. Waphuma ngoko uPetros nomnye umfundi lowo, besiya engcwabeni.
4. Ke kaloku baye begidima bona bobabini kunye; waza omnye umfundi lowo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni.
5. Uthi akuqondela, azibone izisongelo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa; akangenanga ke noko.
6. Afike ngoko uSimon Petros emlandela, angene engcwabeni, azibone izisongelo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa;
7. neqhiya ebisentlokweni yakhe, ingadibene neelinen abesongelwe kuzo, isongiwe yodwa ndaweni ithile.
8. Wandula ngoko wangena nomnye umfundi, lowo ubefike kuqala engcwabeni, wabona, wakholwa;
9. kuba babengekasazi isibhalo esithi, úmelwe kukuthi avuke kwabafileyo.
10. Babuya ngoko abafundi bagoduka.
11. Ke kaloku uMariya ebemi ngaphandle ngasengcwabeni, elila; xa ke ebelila, waqondela engcwabeni.
12. Wabona izithunywa zezulu ezibini, zambethe ezimhlophe, zihleli; esinye ngasentloko, esinye ngasezinyaweni, apho wawulele khona umzimba kaYesu.
13. Zithi zona kuye, Mfazi, ulilelani na? Athi kuzo, Bayisusile iNkosi yam; andazi apho bayibeke khona.
14. Akutsho wajika, wambona uYesu emi; wayengazi ke ukuba nguYesu.
15. Athi uYesu kuye, Mfazi, ulilelani na? ufuna bani na? Yena, esiba ngumgcini-myezo, uthi kuye, Nkosi, ukuba umsusile apha, ndixelele apho umbeke khona; mna ndiye kumthabatha.
16. Athi uYesu kuye, Mariya! Wajika yena wathi kuye, Rabhoni! (oku kukuthi, Mfundisi).