1. Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo, nikholwe nakum.
2. Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo;
3. ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.
4. Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi.
5. Uthi uTomas kuye, Nkosi, asazi apho uya khona; singáthini na ke ukuyazi indlela?
6. Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.