4. Uthi ngoko omnye umfundi wakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo ubeza kumngcatsha,
5. Bekungani na ukuba la mafutha aqholiweyo angàthengiswa ngeedenariyo* ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu?
6. Watsho ke, kungengakuba ebekhathalele mahlwempu; watsho kuba ebelisela, inaye ingxowa, ziphathwa nguye izinto ezifakwa kuyo.
7. Uthe ngoko uYesu, Myeke; uwalondolozele imini yokungcwatywa kwam.