2. Ngoko bamenzela isidlo khona, waye uMarta elungiselela; uLazaro ke ebengomnye wabo babehleli naye besidla.
3. Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi* engangxengelelweyo, exabiso likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo.
4. Uthi ngoko omnye umfundi wakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo ubeza kumngcatsha,
5. Bekungani na ukuba la mafutha aqholiweyo angàthengiswa ngeedenariyo* ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu?
6. Watsho ke, kungengakuba ebekhathalele mahlwempu; watsho kuba ebelisela, inaye ingxowa, ziphathwa nguye izinto ezifakwa kuyo.