1. Uthe ke, akuzibona izihlwele ezo, wenyuka intaba; waza akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe.
2. Wawuvula umlomo wakhe, wabafundisa, esithi,
3. Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.
4. Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona.
5. Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.
6. Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona.
7. Banoyolo abanenceba; ngokuba baya kwenzelwa inceba bona.
8. Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona.