1. Kwathi, xa ebewagqibile uYesu onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe,
2. Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika,* aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
3. Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa;
4. babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale.