2. Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha.
3. Ezo ziziziyatha zaphatha izibane zazo, azaphatha oli nazo;
4. kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo.
5. Ke kaloku, akubon' ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala.
6. Phakathi kobusuku ke kwabakho umemezo oluthi, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela.
7. Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo.
8. Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo, ngokuba izibane zethu zicima.