21. Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho.
22. Kubonakele kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; athi akumbona, awe ezinyaweni zakhe,
23. ambongoze kunene, esithi, Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila.
24. Wesuka wahamba naye; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile.
25. Intokazi ethile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini,
26. eyayive ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, eyayidleke konke ebinako, ingasizakali lutho, imana ukuba mandundu:
27. yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe;
28. kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa.
29. Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho.
30. UYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam?