14. Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo,
15. babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon.
16. YanguSimon, awamthiya igama elinguPetros;
17. yanguYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi, ngabeendudumo;
18. yanguAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi, lo ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon Kanan,
19. noYuda Sikariyoti, owamngcatshayo nokumngcatsha.
20. Bathi beze ekhaya; kubuye kubuthelane izihlwele, ngokokude bangabi nako nokudla isonka.
21. Bevile abakowabo, baphuma beya kumbamba; kuba babesithi, Úyageza.
22. Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, ÚnoBhelezebhule;* besithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.
23. Uthe ebabizele kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angáthini na uSathana ukukhupha uSathana?
24. Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani;
25. nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu;
26. noSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile.