4. Kwaye ke kukho abathile abacaphukáyo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo?
5. Kuba la mafutha bekungáthengiswayo ngawo ngenani elingaphezu kweedenariyo* ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu; basuka bamfuthela.
6. Uthe ke uYesu, Myekeni; nimaphulelani na? Usebenzé umsebenzi omhle kum;
7. kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam.
8. Yena ukwenzile abénako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam.
9. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.