1. Ke kaloku, xa basondelayo eYerusalem, eBhetefage naseBhetani, besingisa eNtabeni yemiNquma, ususa babe babini kubafundi bakhe,
2. athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi ningena kuwo, nibe senifumana ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.
3. Nokuba ubani uthe kuni, Yini na ukuba nikwenze oko? nòthi, Liyafuneka eNkosini; wothi kwaoko ke alithumele apha.
4. Basuka ke baya, balifumana ithole libotshelelwe ngasemnyango ngaphandle, ekuhlanganeni kweendlela; balikhulula.
5. Baye abathile kwababemi khona besithi kubo, Nenza ntoni na, nilikhulula nje ithole?
6. Bathetha ke kubo njengoko uYesu ebebawisele umthetho ngako; baza babayeka.
7. Balizisa ithole kuYesu; baziphosa iingubo zabo phezu kwalo; wahlala phezu kwalo.
8. Ke kaloku abaninzi bazandlala iingubo zabo endleleni; baye ke abanye bexhuzula amahlamvu emithini, bewandlala endleleni.