48. Baye abaninzi bemkhalimela ukuba athi tu; kwaba kokukhona ke wadandulukayo ngakumbi, esithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba.
49. Wema uYesu wathi, Makabizwe. Bayibiza ke imfama, besithi kuyo, Yomelela, suk' ume; úyakubiza.
50. Ithe ke yona, ilahlé ingubo yayo, yesuka yeza kuYesu.
51. Aphendule athi kuyo uYesu, Uthanda ukuba ndikwenzele ntoni na? Yathi ke imfama kuye, Rabhoni,* ndithanda ukuba ndibone.
52. Wathi ke uYesu kuyo, Hamba uhambe; ukholo lwakho lukusindisile. Yabona kwaoko, yamlandela uYesu endleleni apho.