Wathi kubo, Othe wamamkela lo mntwanana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo wandithumayo. Kuba lowo umncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.