52. Baye ke bonke belila, beyimbambazelela. Wathi ke yena, Musani ukulila; ayifile, ilele nje kodwa.
53. Basuka bamwa ngeentsini, besazi ukuba ifile.
54. Uthe ke yena, wabakhuphela phandle bonke, wayibamba ngesandla, wabiza esithi, Ntombi, vuka.
55. Wabuya umoya wayo, yesuka yema kwangoko; wamisa ukuthi mayinikwe into, idle.
56. Besuka abazali bayo bathi nqa; wabathethela ukuba bangakuxeleli bani okuhlileyo.