29. Kuba ebewuthethele umoya ongcolileyo ukuba uphume emntwini lowo. Kuba bekuba futhi umthi hlasi; wayebotshwa ngemixokelelwane nangamakhamandela, egciniwe; asuke azijace izibophelelo aqhutyelwe yidemon entlango.
30. UYesu wambuza ke esithi, Ungubani na igama lakho? Uthe ke yena, NdinguMkhosi; kuba kwakungene kuye iidemon ezininzi.
31. Wayembongoza ukuba angazithetheli ziye kungena enzonzobileni.
32. Bekukho ke apho ugxuba lweehagu ezininzi, lusidla entabeni; zaye zimbongoza, ukuba azivumele ziye kungena kuzo.
33. Wazivumela ke. Ziphumile ke iidemon emtwini lowo, zangena ezihagwini; lwaza ugxuba olo lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela edikeni, lwarhaxwa.
34. Bakukubona ke okuhlileyo abo babezalusa, basaba, baya babika ekhaya nasemaphandleni.
35. Baphuma ke abantu, baya kukubona okuhlileyo; beza kuYesu, bamfumana ehleli umntu lowo, beziphume kuye iidemon, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo, engasezinyaweni zikaYesu; baza boyika.
36. Bathi ke nabo babonileyo, bababikela ukuba uthiweni na ukuphiliswa obephethwe ziidemon.
37. Yamcela yonke inkitha yommandla wabaseGadara, ukuba emke kubo; ngokuba babebanjwe kukoyika okukhulu. Uthe ke yena, engene emkhombeni, wabuya.