23. Bathe bengawufumani umzimba wakhe, beza besithi, babone nombono wezithunywa zezulu, ezithi zona, uhleli.
24. Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga.
25. Waza yena wathi kubo, Oyi! baswelikuqonda, bantliziyo zizeka kade ukukholwa kuko konke abakuthetháyo abaprofeti!
26. UKristu* ubengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe?
27. Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye.
28. Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha.
29. Besuka bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini iseyisangene. Wangena ukuba ahlale nabo.
30. Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika.
31. Avulwa ke amehlo abo, bamazi; wathi shwaka yena kubo.