32. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi lowo.
33. Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? Kuba bosixhenxe bebenaye engumfazi.
34. Waphendula ke wathi kubo uYesu, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa;
35. ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa;
36. kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo.
37. Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, INkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi.
38. AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye.
39. Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho.