51. Wenzé amandla ngengalo yakhe,Wabachithachitha abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo.
52. Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo,Wabaphakamisa abathobekileyo.
53. Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo;Wabandulula abazizityebi belambatha.
54. Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe,Ngokukhumbula inceba yakhe;
55. Njengoko wathethayo koobawo bethu,KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade.
56. Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya.