46. Wathi uMariya:Umphefumlo wam uyenza nkulu iNkosi,
47. Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam;
48. Ngokuba wakukhangela ukuthobeka komkhonzazana wakhe;Kuba, uyabona, ziya kuqala kwangoku ukuthi ndingonoyolo zonke izizukulwana;
49. Ngokuba wandenzela izinto ezinkulu uSomandla;Lingcwele igama lakhe.
50. Yaye inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwanaKwabo bamoyikayo.
51. Wenzé amandla ngengalo yakhe,Wabachithachitha abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo.
52. Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo,Wabaphakamisa abathobekileyo.
53. Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo;Wabandulula abazizityebi belambatha.
54. Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe,Ngokukhumbula inceba yakhe;