45. Únoyolo lowo wakholwayo koko; ngokuba kuya kubakho inzaliseko yezo zinto zithethiweyo kuye yiNkosi.
46. Wathi uMariya:Umphefumlo wam uyenza nkulu iNkosi,
47. Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam;
48. Ngokuba wakukhangela ukuthobeka komkhonzazana wakhe;Kuba, uyabona, ziya kuqala kwangoku ukuthi ndingonoyolo zonke izizukulwana;
49. Ngokuba wandenzela izinto ezinkulu uSomandla;Lingcwele igama lakhe.
50. Yaye inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwanaKwabo bamoyikayo.
51. Wenzé amandla ngengalo yakhe,Wabachithachitha abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo.
52. Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo,Wabaphakamisa abathobekileyo.
53. Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo;Wabandulula abazizityebi belambatha.
54. Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe,Ngokukhumbula inceba yakhe;
55. Njengoko wathethayo koobawo bethu,KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade.
56. Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya.
57. Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana.
58. Beva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye, baye ke bevuyisana naye.
59. Kwathi ngomhla wesibhlozo, beza kumalùsa umntwana; baye bemthiya igama likayise, besithi nguZekariya;