16. Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo;
17. Nendlela yoxolo abayazanga.(UIsaya 59:7,8)
18. Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.(INdum. 36:1)
19. Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.
20. Ngokokuba, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.
21. Ngoku ke kubonakaliswe ubulungisa bukaThixo, kungekho mthetho, bungqinelwa nguwo umthetho nabaprofeti;
22. ubulungisa ke bukaThixo, obungokukholwa kuYesu Kristu, bube bobabo bonke, buphezu kwabo bonke abakholwayo;
23. kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo;