1. Nina bantwana, baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa.
2. Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga;
3. ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni.
4. Nani boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.
5. Nina bakhonzi, baveni abaziinkosi zenu ngokwenyama, ninokuzoyikela nokugubha, ningenakumbi ezintliziyweni zenu, ninge niva uKristu ngokwakhe.
6. Ukukhonza kwenu makungabi ngokweliso, ngathi nithomalalisa abantu; makube ngokwabakhonzi bakaKristu, nikwenza ukuthanda kukaThixo ngokwasemphefumlweni,
7. nikhonza ngentumekelelo, kukuyo iNkosi, kungekubo abantu;
8. nisazi nje ukuba into esukuba ilungile, athe ulowo wayenza, uya kwamkeliswa kwayona yiNkosi, nokuba ungumkhonzi nokuba ungokhululekileyo.
9. Nani baziinkosi zabo, yenzani kwaezo zinto kubo, nikuyeke ukusongela; nisazi nje ukuba kwaeyabo neyenu iNkosi isemazulwini, nokuba akukho kukhetha buso kuyo.
10. Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo.