5. Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.
6. Makungabikho namnye unilukuhlayo ngamazwi alambathayo; kuba iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo.
7. Ngoko musani ukuba ngamahlulelana nabo.
8. Kuba nina naye nifudula nibubumnyama, ke ngoku nikukukhanya, niseNkosini nje; hambani ke ngokwabantwana bokukhanya.
9. Kuba sona isiqhamo soMoya sikuko konke ukulunga, nobulungisa, nenyaniso;
10. nicikida ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi.
11. Kanjalo musani ukuba nabudlelane ngemisebenzi yobumnyama engenasiqhamo; makube kukhona niyohlwayayo.
12. Kuba izinto ezenziwa ngabo emfihlekweni kulihlazo nokuzithetha.
13. Ke zonke ezi zinto, zakòhlwaywa, ziyabonakalaliswa kukukhanya; kuba konke okubonakalaliswayo kukukhanya.
14. Kungoko athi, Vuka wena uleleyo, uvuke kwabafileyo; uKristu wokukhanyisela.
15. Khangelani ngoko, ukuba ningáthini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko;
16. nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo.
17. Ngenxa yoko musani ukuba ziintsweli-kuqonda; yibani ngabakuqondayo into okuyiyo ukuthanda kweNkosi.
18. Kanjalo musani ukunxila yiwayini, ekukhoyo kuloo nto ukuzibhubhisa; manizaliswe nguMoya;
19. níthetha omnye nomnye ngeendumiso, neengoma, nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi,
20. nimana nibulela ngenxa yeento zonke, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, kuye uThixo uYise;