6. uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke.
7. Ke elowo kuthi wababalwa ngokomlinganiso wokupha kukaKristu.
8. Kungoko athi,Enyuké waya enyangweni, wathimba intimbo,Wabapha izipho abantu.(INdum. 68:18)
9. Oko ke kùthi, wenyuka, kuyintoni na, kungekwakukuthi, wehla nokuhla kuqala, waya kwezona zisezantsi iindawo zomhlaba?
10. Owehlayo ikwangulowo wenyukayo, waya ngaphezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise zonke izinto.