16. ndinikhumbula emithandazweni yam,
17. ukuba uThixo weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise wozuko, aninike umoya wobulumko wokunityhilela, nimazi kakuhle;
18. nikhanyiselwe amehlo engqondo, ukuze nilazi into eliyiyo ithemba lobizo lwakhe, nento obuyiyo ubutyebi bobuqaqawuli belifa lakhe phakathi kwabo abangcwele;
19. nento obuyiyo ubukhulu obuncamisileyo bamandla akhe abhekisele kuthi, thina bakholwayo, angokokusebenza kokuqinisela kokomelela kwakhe,
20. awakusebenza kuye uKristu, ekumvuseni kwakhe kwabafileyo; waza wamhlalisa ngasekunene kwakhe kwezasemazulwini iindawo,
21. ngaphezu kwalo lonke ulawulo, negunya, namandla, nobukhosi, nalo lonke igama elikhankanywayo, kungekhona kweli phakade lodwa, kunakwelo lizayo.