6. Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima.
7. Ezintweni zonke zénze umzekelo wemisebenzi emihle; emfundisweni ube ngomsulwa, ngondilekileyo,
8. ngolizwi liphilileyo, lingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani.
9. Amakhoboka wathethele ukuba azithobele iinkosi zawo, abe ngakholekileyo kakuhle ezintweni zonke, engaphiki;
10. angashinti; asuke abonakalalise konke ukuthembeka okulungileyo, ukuze ayivathise imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke.
11. Kuba lubonakele kubantu bonke ubabalo lukaThixo, lulolusindisayo;
12. lusiqeqesha ukuze sithi, síkuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku;
13. sílinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu,
14. owazinikela ngenxa yethu, ukuze asikhulule ngokusihlawulela kuko konke ukuchasa umthetho, azihlambululele abantu abangabakhe, abazondelela imisebenzi emihle.