3. Ngenxa yabo ke ufanelwe kukuthi, njengokuba esondezela abantu, kwangokunjalo azisondezele amadini ngenxa yezono.
4. Kanjalo akukho mntu uzithabathela ngokwakhe imbeko leyo; oyithabathayo ngobizwe nguThixo, kwanjengoAron.
5. Ngokunjalo naye uKristu akazizukisanga ngokwakhe, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu; wazukiswa ngowathethayo kuye, wathi,ÙnguNyana wam wena,Mna ndikuzele namhla;(INdum. 2:7)
6. njengokuba esithi nakwenye indawo,Wena ungumbingeleli ngonaphakade,Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.(INdum. 110:4)
7. Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo.
8. Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo;
9. waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo,
10. ebizwe nguThixo, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke.
11. Esineendawo ezininzi zokuthetha ngaye, ezilukhuni ukuchazwa, ekubeni nina naba buthuntu iindlebe.