8. Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu,Njengasengcaphukisweni, ngomhla wolingo entlango;
9. Apho bandilingayo ooyihlo, bandicikida,Bayibona imisebenzi yam iminyaka emashumi mané.
10. Kungoko ndakruqukayo seso sizukulwana,Ndathi, Bahlala belahleka ngeentliziyo,Abazazi ke bona iindlela zam;
11. Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam!(INdum. 95:7-11)
12. Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo;
13. manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.