1. Uthando lobuzalwana maluhlale luhleli.
2. Musani ukukulibala ukubuka iindwendwe; kuba ngokwenjenjalo inxenye ibuke izithunywa zezulu, ingazi.
3. Bakhumbuleleni abakhonkxiweyo, ninge nikhonkxiwe nani; nabo ke baphathwa kakubi, njengokuba nisemzimbeni nani.
4. Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.
5. Isimilo senu masibe sesingathandi mali, yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo yena ukuthi, Andiyi kukha ndikuyekele; wabuya wathi, Andiyi kukha ndikushiye;
6. ngokokude somelele sithi,INkosi ilusizo lwam, andiyi koyika;Wondenza ntoni na umntu?(INdum. 118:6)
7. Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo.
8. UYesu Kristu ukwanguye izolo, nanamhla, ase nakuwo amaphakade.
9. Musani ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo; kuba kúhle ukuba intliziyo iqine lubabalo; kungabi ngeento ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo.
10. Sinesibingelelo thina, abangenagunya lakudla kuso abo bakhonza umnquba.