1. Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungàhendwa nawe.
2. Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu;
3. kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa.
4. Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye;
5. kuba elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo.
6. Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo ngeento zonke ezilungileyo.
7. Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona;