4. Nibhangile, nahlukana noKristu, nina aba nigwetyelwayo emthethweni, naphalala elubabalweni.
5. Kuba thina ngoMoya silinde kakhulu ithemba lobulungisa ngokwaselukholweni.
6. Kuba kwabakuKristu Yesu àkunamandla anto ukwaluka, kwanokungaluki; into enamandla lukholo olusebenza ngothando.
7. Nibé nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso?
8. Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo.
9. Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela.
10. Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani.
11. Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? — singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo.
12. Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo.