19. Bantwana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu,
20. bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; ngokuba ndiyathingaza ngani.
21. Ndixeleleni, nina nithandayo ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho?
22. Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo.
23. Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga.
24. Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo;
25. Kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo.
26. Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo.