24. athe uThixo wamvusa, eyikhulule inimba yokufa; ngokokuba ebengenako ukubanjwa kuko.
25. Kuba uDavide uthi, esingisele kuye,Ndahlala ndiyibona iNkosi phambi kwamehlo am,Ngokuba ingasekunene kwam, ukuze ndingashukunyiswa.
26. Ngenxa yoko intliziyo yam yaba nemihlali, lwagcoba ulwimi lwam;Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba;
27. Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo.Kananjalo akuyi kumnikela oyiNgcwele wakho ekuboneni ukubola.
28. Wandazisa iindlela zobomi;Ùya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho.(INdum. 16:8-11)
29. Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla.
30. Ngoko, kuba engumprofeti, esazi nokwazi ukuba uThixo wamfungela isifungo sokuba esiqhameni sesinqe sakhe ngokwenyama uya kuvelisa uKristu,* ukuba ahlale phezu kwetrone yakhe:
31. uthe ebona ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola.
32. UThixo wamvusa lo Yesu, esingamangqina ako oko thina sonke.