15. Áyavumelana nako oko amazwi abaprofeti, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,
16. Emveni koku ndiya kubuya,Ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide,Amanxuwa awo ndibuye ndiwakhe kanjalo,Ndibuye ndiwumise;
17. Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi,Zifune zonke iintlanga ezibizwe ngalo igama lam;Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto.
18. Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe.(UAm. 9:11,12)
19. Kungoko mna ndigqiba kwelithi, masingabakhathazi abo beentlanga babuyelayo kuThixo;
20. kodwa masibabhalele ukuba bazikhwebule kwizingcoliso zezithixo, nombulo, nento ekrwitshiweyo, negazi.
21. Kuba uMoses kwakwizizukulwana zakudala unabamvakalisayo kwimizi ngemizi, eleswa ezindlwini zesikhungu ezi iisabatha ngeesabatha.