1. Sathi esesihlanu isithunywa savuthela ixilongo; ndabona inkwenkwezi iphuma ezulwini, yawéla emhlabeni; sanikwa isitshixo sequla lenzonzobila.
2. Salivula iqula lenzonzobila. Kwenyu ka umsi uphuma equleni apho, njengomsi weziko elikhulu, lamnyama ilanga nesibhakabhaka ngumsi wequla elo.