8. Mna, Yohane, ndingulowo ubezibona ezi zinto, eziva; ndathi ndakuva, ndakubona, ndawa ndaqubuda phambi kweenyawo zesithunywa sezulu esandibonisa ezi zinto.
9. Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; kuba ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abaprofeti, nabo bawagcinayo amazwi ale ncwadi; qubuda kuThixo.
10. Sithi kum, Musa ukuwatywina amazwi esiprofeto sale ncwadi; ngokuba ixesha likufuphi.
11. Lowo ungalungisiyo, makaselehlala engalungisi; lowo uyinyhukunyhuku, makaselehlala eyinyhukunyhuku; nolilungisa makaselehlala elungisa; nongcwele makaselehlala ezingcwalisile.
12. Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, ukuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo.
13. Mna ndinguAlfa* no-Omega,* isiqalo nesiphelo, owokuqala nowokugqibela.
14. Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi.