1. Ndaza emva koko ndeva sanga sisandi esikhulu sesihlwele esikhulu emazulwini, sisithi:Haleluya!Usindiso, nozuko, nembeko, namandlaNgaweNkosi uThixo wethu!
2. Ngokuba iyinyaniso, inobulungisa, imigwebo yayo;
3. Ngokuba ihenyukazi elikhulu, elo laliwonakalisa umhlaba ngobuhenyu balo, iligwebile,Igazi labakhonzi bayo yaliphindezelela esandleni salo.Bathi okwesibini:Haleluya!Umsi walo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni.
4. Awa amadoda amakhulu, angamashumi amabini anamané, nezinto eziphilileyo zoné, zaqubuda kuye uThixo ohleli phezu kwetrone, zisithi: Amen!
5. Haleluya! Kwaphuma izwi etroneni, lisithi:Mdumiseni uThixo wethu, nonke nina bakhonzi bakhe,Nani bamoyikayo, abancinane kwanabakhulu.
6. Ndeva sanga sisandi sesihlwele esikhulu, sanga sisandi samanzi amaninzi, sanga sisandi seendudumo ezinkulu, sisithi:Haleluya!Ngokuba iNkosi uThixo uSomandla inguKumkani.
7. Masivuye sigcobe, siyizukise;Ngokuba ufikile umsitho weMvana,Umfazi wayo uzilungisile.
8. Wanikwa ukuba athiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, emhlophe, eqaqambileyo; kuba ilinen ecikizekileyo yimisebenzi yobulungisa yabangcwele.