1. Ndabona ezulwini omnye umqondiso omkhulu, ongummangaliso; izithunywa zezulu ezisixhenxe zinazo izibetho ezisixhenxe zokugqibela; ngokuba wazaliseka umsindo kaThixo ngazo.
2. Ndabona ngathi lulwandle lwegilasi, luphithikezene nomlilo; nabó bavela beloyisile irhamncwa, nomfanekiselo walo, nophawu lwalo, nenani legama lalo, bemi ngaselwandle lwegilasi, beneehadi zikaThixo.
3. Bayivuma ingoma kaMoses, umkhonzi kaThixo, nengoma yeMvana, besithi:Mikhulu, ingummangaliso imisebenzi yakho,Nkosi, Thixo Somandla;Zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho,Kumkani weentlanga.
4. Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi,Angalizukisi igama lakho?Ngokuba inguwe wedwa ongcwele;Ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho,Ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe.
5. Ndaza emva koko ndabona, nantso ivuliwe itempile yomnquba wobungqina emazulwini.