3. Simelwe kukuhlala sibulela kuThixo ngenxa yenu, bazalwana, njengokuba kufanelekile, ngokuba lukhula ngokugqithiseleyo ukholo lwenu, lusanda uthandano lwenu nonke ngabanye;
4. ngokokude thina ngokwethu siqhayise ngani emabandleni kaThixo, ngenxa yonyamezelo lwenu, nokholo lwenu, ezintshutshisweni zenu zonke, nasezimbandezelweni enizinyamezelayo;
5. umbonakaliso ke lowo womgwebo onobulungisa kaThixo, ukuze nibalelwe ekuthini nibufanele ubukumkani bukaThixo, enithi ngenxa yabo nive nokuva ubunzima;
6. ukuba kanti yinto ebubulungisa kuThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abanibandezelayo;
7. athi, nina babandezelwayo, anibuyekeze ngokuniphumza kunye nathi, ekutyhilekeni kweNkosi uYesu, ivela emazulwini inezithunywa zamandla ayo;
8. inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu;
9. bona abo baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade ke leyo, bemke ebusweni beNkosi, nasebuqaqawulini bokomelela kwayo;