1. Ke kaloku ndiyaniyala ngabo ubulali nokuthantamisa kukaKristu, mna Pawulos ngokwam, ndingothobekileyo kambe ngembonakalo, xa ndiphakathi kwenu, kodwa ndakuba ndingekho ndiba nobugagu kuni:
2. ndiyakhunga ke, ukuze ndingàthi, ndakuba ndikho, ndibe nobugagu ngoko kukholosa, ndibe ndoba nobuganga ngako kubo abathile, ababa sihamba ngokwenyama.
3. Kuba noko sihamba sisenyameni, asiphumi mkhosi ngokwenyama;
4. kuba zona iintonga esiphuma ngazo umkhosi, azizenzenyama; kuye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba;
5. siwisa ngazo nje amabhongo, nayo yonke into ephakamileyo, eziphakamisayo ngokuchasa ukwazi uThixo; iingqiqo zonke sízithimbela ekumlulameleni uKristu;
6. sízilungiséle ukuphindezela konke ukungamlulameli, xa kuthe kwazaliseka okwenu ukumlulamela.
7. Izinto nizikhangela ngokwembonakalo na? Ukuba umntu ukholose ngokuthi ungokaKristu, makabuye acinge oku ngokwakhe, ukuba njengokuba engokaKristu yena, ngokunjalo singabakaKristu nathi.