7. Ngokuba kungene abalahlekisi abaninzi ehlabathini, abangamvumiyo uYesu Kristu esiza esenyameni. Lowo ngumkhohlisi nomchasi-Kristu.
8. Zilumkeleni, ukuba singalahlekani nezinto esizisebenzileyo; masamkele umvuzo ozalisekileyo.
9. Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, àbanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana.
10. Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa;
11. kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo.
12. Ndinezinto ezininzi nje zokunibhalela, andingi ndingazibhala ngaphepha nangainki; ndithembe ukuza kuni, sithethe ngomlomo, ukuze uvuyo lwethu luzaliseke.
13. Bayakubulisa abantwana bodade wenu onyuliweyo. Amen.