8. Senihluthi, senizizityebi, nalawula ningenathi; akwaba ke kambe beningabalawuli, ukuze nathi silawule kunye nani.
9. Kuba ngathi mna, uThixo thina bapostile* usivelise mva, sanga singabamiselwe ukufa; kuba sanekwé senziwa intlekisa kulo ihlabathi, nakwizithunywa zezulu, nakubantu.
10. Thina siziziyatha ngenxa kaKristu, ke nina niziingqondi kuKristu; thina siswele amandla, ke nina nomelele; nina nizukile, ke thina siswele imbeko.
11. Kude kwaleli lixa langoku silamba, sinxanwa, sihamba zé, sintlithwa, singenasikhundla, sibulaleka,
12. sisebenza ngezethu izandla; sithi, sitshabhiswa, sibe sisikelela; sithi sitshutshiwa, sibe sinyamezela;