1. Ke kaloku, bazalwana, ndiyanazisa iindaba ezilungileyo, ezo ndazishumayela kuni, nazamkelayo nokuzamkela, nimiyo nokuma kuzo,
2. nisindiswayo nokusindiswa ngazo, ukuba nizibambile ngelizwi endazishumayela ngalo kuni; ukuba anithe nafumana nakholwa.
3. Kuba ndaninikela kweziyintloko izinto oko ndakwamkelayo nokukwamkela: okokuba uKristu wazifela izono zethu ngokwezibhalo,
4. nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo;
5. nokokuba wabonwa nguKefas, emva koko ngabalishumi elinababini.
6. Emveni koko wabonwa ngaxesha linye ngabazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu, abasahleliyo nangoku abona baninzi kubo; inxenye ke yalala ukufa.
7. Emva koko wabonwa nguYakobi, kamva ngabo bonke abapostile.*