2. babhaptizelwa bonke kuye uMoses efini elo naselwandle;
3. badla bonke oko kudla kunye kukokomoya;
4. basela bonke olo luselo lunye lulolomoya (kuba babesela kwiliwa elilelomoya elibe libalandela, iliwa elo ke lalinguye uKristu).
5. Kanti noko uThixo akakholiswanga ngabona baninzi; kuba bathiwa waca entlango apho.
6. Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki bezinto ezimbi, njengokuba bakhanukáyo bona abo.
7. Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abantu bahlala phantsi ukuba badle, basele, baza besuka bema ukuba badlale.