1. Ke andithandi ukuba ningâzi, bazalwana, ukuba oobawo babephantsi kwalo ilifu bonke; balucanda ulwandle bonke;
2. babhaptizelwa bonke kuye uMoses efini elo naselwandle;
3. badla bonke oko kudla kunye kukokomoya;
4. basela bonke olo luselo lunye lulolomoya (kuba babesela kwiliwa elilelomoya elibe libalandela, iliwa elo ke lalinguye uKristu).