13. Nyamekela imfundo, uvuselelo, imfundiso, ndide ndifike.
14. Ungasihilizeli isipho esingokubabalwa, esikuwe; owasinikwayo ngesiprofeto, kunye nokubekwa izandla yintlanganiso yamadoda amakhulu.
15. Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale kwinto yonke.
16. Zilumkele wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kwezo zinto; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.