2. Mazini ngale nto uMoya kaThixo: umoya wonke omvumayo uYesu Kristu ezé esenyameni, ungokaThixo;
3. nomoya wonke ongamvumiyo uYesu Kristu ezé esenyameni, asingokaThixo; lo ngokamchasi-Kristu, lowo niwuvileyo ukuba uyeza; nangoku uselukho ehlabathini.
4. Nina ningabakaThixo, bantwanana, nibeyisile bona; ngokuba lowo ukuni nguyena mkhulu kunalowo usehlabathini.
5. Bona ngabehlabathi; ngenxa yoko bathetha okwehlabathi, ihlabathi liyabeva ke.
6. Thina singabakaThixo, lowo umaziyo uThixo uyasiva thina; ongengokaThixo akasiva. Siwazi ngaloo nto umoya wayo inyaniso, nomoya walo ulahlekiso.
7. Zintanda, masithandane; ngokuba uthando lwaphuma kuThixo. Bonke abanothando bazelwe nguThixo, bayamazi uThixo.
8. Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando.