Ngawo lawo amafa abawabáyo ooElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise ezizweni zoonyana bakaSirayeli, ngamaqashiso eShilo, phambi koYehova, emnyango wentente yokuhlangana. Bagqiba ke ukulaba ilizwe.